8. Wathi kum: ‘Ungubani?’ Ndathi kuye: ‘NdingumAmaleki.’
9. Uthe kum ke: ‘Sondela undigqibezele. Ubomi bam sebungamacimi-cimi, kodwa andikaphelelwa.’
10. Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”
11. Wazikrazula izambatho zakhe uDavide, enjenjalo nawo onke amadoda awayekunye naye.
12. Bazila, balila, abatya nokutya oku kwada kwahlwa, belilela uSawule nonyana wakhe uJonatan kunye namaSirayeli, abantu *bakaNdikhoyo, ababewe ngekrele.
13. Emva koko uDavide wabuza loo mfana wayeze nezi ndaba, wathi: “Uvela phi kakade wena, mfana?”“Mna ndingunyana wendoda engumngeneleli, umAmaleki,” uphendule watsho loo mfana.
14. UDavide ke wathi: “Ngani ungoyiki ukuphakamisa isandla sakho ubulale umthanjiswa kaNdikhoyo?”
15. Waza uDavide wabhekisa kwenye yamadodana akhe, wathi: “Bulala le nto!” Loo ndodana ke imgwaze kwangoko umfana lowo, yaphel' intw' ibithethwa.