1 Yookumkani 19:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala.Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!”

6. Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.

7. Siphinde sabuya isithunywa sikaNdikhoyo, samshukumisa sathi: “Vuka utye, kuba lude uhambo lwakho.”

8. Wavuka ke, watya wasela. Oko kutya ke kwamomeleza, waza wathatha uhambo lweentsuku ezimashumi mane nobusuku bazo, wada waya kufika eHorebhe, intaba kaThixo.

9. Apho ke wafumana umqolomba, waza walala khona.Ke kaloku uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”

10. Ke yena wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile namaqonga akho, nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa; nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”

11. UNdikhoyo waphendula wathi: “Hamba uye kuma phezu kwentaba phambi koNdikhoyo, kuba uNdikhoyo uza kudlula khona.”Ke kaloku kwabhudla isitshu somoyakazi omkhulu owaqhaqhambisa amawa, watsho kwacandeka neentaba; ukanti ke yena uNdikhoyo wayengekho apho kuwo. Emva komoya lowo kwabakho inyikima, kanti ke nalapho kuyo wayengekho yena uNdikhoyo.

12. Emva kwaloo nyikima ke kwavela umlilo, ukanti ke nalapho kuwo wayengekho uNdikhoyo. Wakudlula umlilo kwabakho impepho ethi sebe-sebe.

13. Akuyiva ke uEliya wazigquma ubuso ngomnweba wakhe, waphuma wema emnyango apho kuloo mqolomba. Kwavakala ilizwi lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”

14. Ke yena waphendula wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile amaqonga akho; nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa. Nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”

15. UNdikhoyo ke wathi kuye: “Hamba ubuyele apho ubuvela khona, uye kwintlango yaseDamasko. Wakufika khona ke uze uthambise uHazayeli abe ngukumkani wama-Aram.

16. Kwakhona uze uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani wamaSirayeli; kananjalo uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhele-mehola, ukuze abe *ngumshumayeli emva kwakho.

17. UYehu uya kubabulala bonke abasinde kwikrele likaHazayeli, aze yena uElisha ababulale abo basinde kwikrele likaYehu.

18. Kambe ke kwaSirayeli apha ndozigcinela loo mawaka asixhenxe abantu abamadolo angazange aguqe kuBhali, nabamilomo ingazange iwange umfanekiso wakhe.”

1 Yookumkani 19