17. Ke uOmri nawo onke amaSirayeli ahlehla eGibheton, aza angqinga iTirza.
18. Uthe akuqonda uZimri ukuba isixeko sihlaselwe, wasuka waya enqabeni yakomkhulu, waza walintumeka umlilo ikomkhulu elo, naye wafela apho.
19. Le nto yenzeka ngenxa yezono awazenzayo esona *uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nezono awazenzayo nokulukuhlela kwakhe amaSirayeli esonweni.
20. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZimri kunye novukelo lwakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
21. Kwesi sithuba ke amaSirayeli ahlukana kubini, elinye iqela lifuna uTibheni unyana kaGinati abe ngukumkani, laye elinye lixhasa uOmri.
22. Ke abalandeli bakaOmri baboyisa abo bakaTibheni unyana kaGinati. Ke yena uTibheni wafa, waza ke uOmri wangukumkani.
23. Ke kaloku ngonyaka wamashumi amathathu ananye uAsa engukumkani kwaJuda, uOmri waba ngukumkani kwaSirayeli, waza ke walawula iminyaka elishumi elinambini, emithandathu eseTirza.
24. Wathenga induli yaseSamariya kuShemere ngamawaka amathandathu eengqekembe zesiliva, waza ke wakha isixeko apho kuyo, wasibiza ngokuba yiSamariya, igama likaShemere umnini waloo nduli kumaxesha angaphambili.
25. Kambe ke uOmri lo wabalasela ukona kuNdikhoyo kunabo bonke ababengaphambi kwakhe.
26. Wathatha ikhondo likaJerobhowam unyana kaNebhati, wenza kwaeso sono sakhe, walukuhlela amaSirayeli kuso. Ngaloo mifanekiso iphuthileyo yezithixo wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
27. Ezinye ke iziganeko zolawulo lukaOmri, imisebenzi ndawonye nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
28. UOmri ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya, esikhundleni sakhe ke kwangena uAhabhi unyana wakhe wangukumkani.
29. Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo wokulawula kuka-Asa kwaJuda, uAhabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula iminyaka emashumi mabini anambini kwaSirayeli eSamariya.