1 Yookumkani 14:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kanye ngelo thuba unyana kaJerobhowam uAbhiya wahlabeka wagula,

2. waza ke uJerobhowam wathetha nomkakhe, wathi: “Khawuzenze mntu wumbi, ukuze ungaqondwa ukuba ungumka-Jerobhowam, uze ke uye eShilo. Khona apho wofika ekhona *umshumayeli uAhiya, lowo wandazisa ukuba ndiza kuba ngukumkani waba bantu.

3. Xa uyayo ke thatha izonka ezilishumi kunye namaqebengwana nendebe enobusi. Ke yena uya kukuxelela ukuba kuza kuthekani na ngale nkwenkwe.”

4. Ngenene ke umka-Jerobhowam wenza njengoko wayeyalelwe nguJerobhowam, waya eShilo kwa-Ahiya.Ke kaloku uAhiya lo wayeselenorhatyazo engaboni kakuhle ngenxa yobudala.

5. Kambe ke *uNdikhoyo wathi kuye: “Unyana kaJerobhowam akaphilanga. Ke umka-Jerobhowam nanko esiza kuwe, eze kukubuza ngoko kugula konyana wakhe. Ke uze umphendule ngolu hlobo. Ekufikeni kwakhe uza kuzenza mntu wumbi.”

6. Ke uAhiya akuziva izingqi zakhe engena emnyango, wabhekisa kuye wathi: “Ngena, umka-Jerobhowam. Kutheni uzenza mntu wumbi nje? Kanti ke ndiphathiswe udaba olubuhlungu ngawe.

1 Yookumkani 14