1 Yookumkani 13:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ke ukumkani wathetha nomfo lowo wakwaThixo wathi: “Khawuncede umkhunge uNdikhoyo uThixo wakho, undithandazele ukuze isandla sam sibuye siphile.” Umfo lowo wakhunga wathandaza uNdikhoyo, saza ke eso sandla sikakumkani sabuya saphila sanjengangaphambili.

7. Ukumkani wathetha naloo mfo wakwaThixo wathi: “Hamba nam, siye ekhaya, ndikuphe into etyiwayo, ndikunike nesipho.”

8. Kambe ke umfo lowo wakwaThixo wamphendula ukumkani wathi: “Noba ubuza kundinika isiqingatha sezinto zonke onazo, bendingayi kuhamba nawe, futhi bendingayi kutya ndingaseli nakusela apha.

9. Kaloku ndifumene umyalelo kuNdikhoyo othi: ‘Uze ungatyi, ungaseli nokusela, futhi ungabuyi ngendlela obe uye ngayo.’ ”

10. Ngoko ke wathatha ndlela yimbi, akahamba ngaleyo wayeye ngayo eBhetele.

11. Ngoko ke kwakukho nkonde ithile *yomshumayeli eyayihlala apho eBhetele. Oonyana bayo bazibona izinto awazenzayo loo mfo wakwaThixo apho ngaloo mini, baza ke baya kuchazela uyise lowo, uyise lowo bamchazela nento ayithethileyo kukumkani.

12. Uyise wathi kubo: “Úhambe ngayiphi na indlela?” Oonyana ke bamkhombisa indlela ahambe ngayo umfo lowo wakwaThixo ovela kwelakwaJuda.

13. Wathi koonyana bakhe: “Ndibopheleleni idonki.” Bambophelela idonki, wakhwela kuyo,

14. waza walandela umfo wakwaThixo. Ke kaloku wamfumana ehleli phantsi komthi wom-oki, waza wathi kuye: “Unguye na laa mfo wakwaThixo uphuma kwelakwaJuda?”Yena ke wathi: “Ndinguye!”

15. Wathi kuye: “Yiza sihambe, uye kufumana into etyiwayo ekhaya.”

16. Umfo wakwaThixo waphendula wathi: “Hayi, andinako ukujika ndihambe nawe, ndingenako nokutya ndisele apha kule ndawo.

1 Yookumkani 13