Ngoko ke kwakukho nkonde ithile *yomshumayeli eyayihlala apho eBhetele. Oonyana bayo bazibona izinto awazenzayo loo mfo wakwaThixo apho ngaloo mini, baza ke baya kuchazela uyise lowo, uyise lowo bamchazela nento ayithethileyo kukumkani.