1 Yookumkani 13:15-32 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wathi kuye: “Yiza sihambe, uye kufumana into etyiwayo ekhaya.”

16. Umfo wakwaThixo waphendula wathi: “Hayi, andinako ukujika ndihambe nawe, ndingenako nokutya ndisele apha kule ndawo.

17. Ilizwi likaNdikhoyo lithe kum: ‘Phaya uze ungatyi, ungaseli nokusela, futhi ungabuyi ngendlela obe uye ngayo.’ ”

18. Loo nkonde yomshumayeli yathi: “Hayi kaloku, nam ngokwam ndingumshumayeli njengawe lo, ngoku ke isithunywa sindixelele ilizwi likaNdikhoyo, sathi: ‘Yiya kumthatha ubuye naye, eze endlwini yakho, atye asele.’ ” Kambe ke wayexoka!

19. Ngoko umfo wakwaThixo lowo wajika nayo, waza ke watya wasela apho endlwini yayo.

20. Bathe ke besahleli etafileni, ilizwi likaNdikhoyo lafikela loo nkonde yomshumayeli, le yajika umfo wakwaThixo.

21. Yaza ke yadanduluka, ibhekisa apho kuloo mfo wakwaThixo wayevela kwaJuda, yathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ulicekisile ilizwi likaNdikhoyo, awawukhathalela umyalelo owunikwe nguNdikhoyo uThixo wakho.

22. Ujikile wafika watya wasela kanye kule ndawo ubuyalelwe ukuba ungatyi ungaseli kuyo. Ngoko ke isidumbu sakho asiyi kungcwatywa kumafihlo ooyihlo.’ ”

23. Uthe ke akugqiba ukutya nokusela umfo wakwaThixo lowo, inkonde yomshumayeli leya ibimjikile isuke yambophela idonki yakhe.

24. Uthe ke esahamba, kwee gqi ingonyama apho endleleni, yamqwenga yambulala. Waza ke umzimba wakhe wee gangalala apho endleleni, idonki nengonyama zona zingxange phezu kwakhe.

25. Abantu ababedlula bawubona loo mzimba uthe gangalala apho endleleni, phezu kwawo kungxange ingonyama, baza ke baya kulubika olo daba apho kweso sixeko yayihlala kuso inkonde yomshumayeli.

26. Loo mshumayeli wayemjike kuhambo lwakhe uthe akuziva ezo ndaba: “Iya kuba ngulaa mfo wakwaThixo walicekisayo ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo umnikele engonyameni esuke yamqwenga yambulala ngokwelizwi elalithethwe kuye nguNdikhoyo.”

27. Umshumayeli lowo wayalela oonyana bakhe, wathi: “Ndibopheleni idonki.” Bayibopha.

28. Waphuma ke, waza wawufumana loo mzimba uthe gangalala endleleni, phezu kwawo kungxange idonki nengonyama. Ingonyama leyo zange iwutye, ingazange iyiqwenge nedonki leyo.

29. Ngoko ke umshumayeli lowo wawuthatha loo mzimba womfo wakwaThixo, wawuxhoma edonkini, wabuya nawo, wawuzisa esixekweni sakhe, ukuze alilelwe angcwatye.

30. Umzimba lowo ke wawufaka kwelakhe ingcwaba, baza ke bamlilela besithi: “Yho-o-o, umntakwethu!”

31. Bakugqiba ke ukumngcwaba, wathi koonyana bakhe: “Ndakuba ndifile ze nindifihle kweli ngcwaba lilele lo mfo wakwaThixo, amathambo am niwabeke ecaleni kwawakhe.

32. Kaloku udaba alubhengezileyo eyalelwe nguNdikhoyo mayela neqonga laseBhetele, nazo zonke izibingelelo ezisezindulini kwiidolophu zaseSamariya, nanjani na luya kufezeka.”

1 Yookumkani 13