1 Yookumkani 12:32-33 Ibhayibhile (XHO96)

32. Wamisa imibhiyozo ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesibhozo njengalowo wawusenziwa kwaJuda, waza wenza amadini eqongeni. Le nto wayenza eBhetele, wawenzela amadini loo mathole wayewabumbile. Kananjalo eBhetele wamisa ababingeleli kwiinduli awayezimisile.

33. Ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesibhozo, nyanga leyo wazikhethelayo, wenza amadini kwiqonga awayelakhe eBhetele. Ewe, amaSirayeli wawamisela loo mbhiyozo, naye waya eqongeni wanikela amadini.

1 Yookumkani 12