1. Ke kaloku nangaphandle kwentombi yokumkani waseJiputa uSolomon wayenabafazi abaninzi beentlanga: abangamaMowabhi, ama-Amon, amaEdom, amaSidon, namaHiti.
2. Wabathatha kwezo ntlanga wayewayale ngazo *uNdikhoyo amaSirayeli esithi: “Ze ningendiselani nazo, kuba ziya kunilukuhlela kwizithixo zazo,” kodwa ke yena uSolomon wasuka waqhogana nabo ngothando.
3. Wayenamakhulu asixhenxe abafazi begazi, enamakhulu amathathu amaqadi. Abo bafazi ke bayilahlekisa intliziyo yakhe.
4. Wathi ekugugeni kwakhe abafazi bakhe bayitsalela *koothixo babo intliziyo yakhe, akabi nako ukuzinikezela ngokupheleleyo kuNdikhoyo, uThixo wakhe, njengoko wenzayo yena uyise uDavide.
5. Wazinikezela kuAshtoreti, isithixokazi samaSidon, nakuMilikom, isikizi lothixo wama-Amon.