1 Yookumkani 10:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.

18. Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide yodidi.

19. Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu, umva waso ungqukuva phezulu phaya. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile.

20. Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani.

21. Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, ngokunjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.

1 Yookumkani 10