Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, ngokunjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.