10. Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo namatye exabiso. Izinongo awazinikezela apho kukumkani uSolomon zingaphezu kwazo zonke izinongo ezakhe zazuzwa nanini nanini.
11. Iinqanawe zikaHiram zazithwala igolide ziyithatha eOfire, kananjalo nemithwalo yomthi wom-almugi kunye namatye exabiso.
12. Ngalo mthi wom-almugi ke ukumkani wenza iintsika zendlu kaNdikhyo kunye nezo zebhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ongako wona ukuba mninzi um-almugi awuzange ukhe uziswe; ukusukela ngoko zange yabakho into enjalo.
13. Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela, nangaphandle kwezipho zakomkhulu. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.
14. Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram,
15. ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi, nabamashishini, nerhafu yookumkani belama-Arabhu, kananjalo nabalawuli belizwe elo.
16. Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka amakhulu. Ikhaka ngalinye lalityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezisixhenxe.
17. Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.
18. Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide yodidi.
19. Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu, umva waso ungqukuva phezulu phaya. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile.
20. Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani.
21. Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, ngokunjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.