1 Yookumkani 10:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Uthe ke ukumkanikazi waseShebha akuva ngodumo lukaSolomon nokusondela kwakhe kwigama *likaNdikhoyo, weza kumvavanya ngemibuzo enzima.

2. Wafika ke eJerusalem enehlokondiba lamaphakathi negquba leenkamela, zithwele izinongo, nento eninzi yegolide, namatye axabisekileyo, waza waya kuSolomon, wathetha naye ngazo zonke izinto ezazisengqondweni yakhe.

3. Ke uSolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe; ayikho into eyamxakayo ukumkani kwiingcaciso awayezifuna.

4. Ukumkanikazi waseShebha akububona bonke ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile,

5. nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.

1 Yookumkani 10