1. AmaSirayeli onke adweliswa ngokwemilibo yawo encwadini yookumkani bakwaSirayeli.AmaJuda athinjwa, asiwa eBhabheli, ngenxa yokunganyaniseki kwawo.
2. Abokuqala ababuya ekuthinjweni bangena balanda ilifa labo ngamaSirayeli athile, nababingeleli, nabaLevi, nabasebenza endlwini kaThixo.
3. Bekukho abendlu kaJuda, nabendlu kaBhenjamin, nabendlu kaEfrayim nekaManase ababehlala eJerusalem.
4. Nazi iinkulu zabendlu kaJuda ababehlala eJerusalem: Kwinzala kaPereze, unyana kaJuda, inkulu ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani.
5. Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe.