7. Kulo msebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo zanikela igolide engaphezu kwekhulu elinamashumi asixhenxe eetoni, neetoni zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane, neetoni zobhedu ezikwisithuba samakhulu amathandathu anamashumi amabini, neetoni zentsimbi ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane.
8. Umntu onamatye axabisekileyo wayenikela ngawo apho kuvimba wendlu kaNdikhoyo, zigcinwe nguYehiyeli umGershon.
9. Nabantu ke bavuyiseka yindlela ezakuthakazelela ngayo iinkokheli zabo ukunikela; kaloku zanikela kuNdikhoyo ngezandla ezivulekileyo. Kananjalo ke naye ukumkani uDavide wavuya kakhulu.
10. Ke kaloku uDavide wabonga *uNdikhoyo phambi kwalo lonke ibandla likaSirayeli, wathi:“Ungowokubongwa, wena Ndikhoyo,Thixo kabawo wethu uSirayeli,kuse ephakadeni lasemaphakadeni.
11. Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
12. Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;wena ungumlawuli weento zonke.Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.
13. Ngoko ke siyakubulela, Thixo wethu;ewe, siyadomboza sikuncoma ngenxa yegama lakho elinesihomo!
14. “Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.
15. Kaloku thina ebusweni bakho singabasemzini neembacu kwanjengokuba babenjalo noobawo-mkhulu. Imihla yethu kulo mhlaba ifana nesithunzi, ayithembisi mpela.
16. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wethu, yonke le mfumba siyinikele ukulungiselela ukwakhiwa kwendlu egameni lakho elingcwele; yonke yinto ephuma esandleni sakho, ngoko ke konke nje kokwakho kakade.