1 Yeziganeko 27:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nguwo lo umkhosi wamaSirayeli: Bekukho amabutho alishumi elinambini, ibutho ngalinye liba namadoda angamashumi amabini anane amawaka. Amabutho la ayebolekisana ukwenza umsebenzi wakomkhulu inyanga nganye enyakeni. Bekukho iinkulu zezindlu, neengqwayi-ngqwayi, nezithwala-ndwe, noonobhala, bebonke besenza umsebenzi wakomkhulu.

2-3. Nazi ke iingqwayi-ngqwayi zala mabutho alishumi elinambini (ibutho ngalinye belinamadoda angamashumi ambini anane amawaka):inyanga yokuqala: ingqwayi-ngqwayi yayinguYashobham unyana kaZabhediyeli wendlu kaPerezi;

4. inyanga yesibini: nguDodayi umAhohi, osekela lakhe belinguMikeloti;

5. inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada

6. owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;

1 Yeziganeko 27