22. Oonyana bakaYehiyeli, uZetam nomninawa wakhe uJoweli, babongamele oovimba bendlu *kaNdikhoyo.
23. Bekukho nama-Amram, amaIzare, amaHebron, namaUziyeli aphathiswe imisebenzi ethile.
24. UShebhuweli umzukulwana kaGershom unyana kaMosis ebengunondyebo wendlu kaThixo.
25. UShebhuweli wayezalana noShelomiti. Kaloku uElizere, umntakwabo-Gershom, wazala uRabhiya, uRhabhiya wazala uYeshaya, uYeshaya wazala uYoram, uYoram wazala uZikri, uZikri wazala uShelomiti.
26. UShelomiti lo nezizukulwana zakhe wayongamele zonke izipho ezazinikelwe kuThixo ngukumkani uDavide neenkulu zezindlu namanye amadoda amakhulu awayeziingqwayi-ngqwayi nezithwala-ndwe zomkhosi.
27. Kaloku la madoda ayethathe inxalenye yamaxhoba emfazwe, anikela ngawo khon' ukuze indlu kaThixo ibe nokulungiswa.
28. Yonke into eyayinikelwe *ngumshumayeli uSamweli, nokumkani uSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noJowabhi unyana kaZeruya, nayiphi na enye into eyayinikelwe, yayisesandleni sikaShelomiti nezizalwane zakhe.
29. Kwinzala kaIzare uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi ongenguwo owendlu kaThixo. Lo msebenzi wawukukugcina ucwangco nokuthetha amatyala akwaSirayeli.
30. Kwinzala kaHebron uHashabhiya nezizalwane zakhe babesenza umsebenzi kaNdikhoyo nowekomkhulu kumaSirayeli angasentshonalanga kweJordan. La maHebron ayeliwaka elinamakhulu asixhenxe, engamakroti.
31. Inkulu yamaHebron yayinguJeriya. Ngonyaka wamashumi amane elawula uDavide yaphandwa inzala kaHebron, kwafunyanwa amaHebron angamagorha eYozere kummandla waseGiliyadi.
32. UJeriya wayenezizalwana ezingamawaka amabini anamakhulu asisixhenxe. La madoda ayengooyise bezindlu, engamakroti, waza ukumkani uDavide wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, khon' ukuze benze umsebenzi kaThixo nowekomkhulu.