14. Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi.
15. Oonyana bakaMosis nguGershom noElizere.
16. Inkulu yoonyana bakaGershom nguShebhuweli.
17. Inkulu yoonyana bakaElizere nguRehabhiya. UElizere akazalanga wumbi unyana ngaphandle koRehabhiya, kodwa uRehabhiya wazala oonyana abaninzi gqitha.
18. Inkulu yoonyana bakaIzare nguShelomiti.
19. Inkulu yoonyana bakaHebron abane nguTeriya, ibe nguAmariya, noYaziyeli, noYekamam.
20. Koonyana baka-Aziyeli nguMika inkulu, ibe nguIshiya owesibini.
21. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22. UElazare wafa engenanyana, eneentombi zodwa, zaza zathathwa ngamawabo oonyana bakaKishe.
23. Oonyana bakaMushi bathathu: nguMali, noEdere, noYeremoti.
24. Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo.
25. Kaloku uDavide wathi: “Ngoku uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ubanike ukuphumla abantu bakhe; yena ke uya kusoloko ehlala ehleli eJerusalem.
26. Ngoko ke abaLevi aba akuseyomfuneko kubo ukuthwala isibingelelo nezixhobo ezisetyenziswa kuso.”
27. Ngokwalo myalelo kaDavide ke abaLevi babalwa kuqalelwa kwabo baneminyaka emashumi mabini nangaphezulu.
28. Umsebenzi wabaLevi aba ke yayikukunceda inzala ka-Aron kumsebenzi wendlu kaNdikhoyo: ukujonga iinkundla namagumbi azo, ukuhlanjululwa kwezinto ezingcwele, nokujongana nayo yonke eminye imisebenzi yendlu kaThixo.
29. Yayingabo abajongene nesonka esasihlala etafileni, umgubo womnikelo weenkozo, nemiqhathane enganyuswanga, ukubhaka nokuxuba, nazo zonke iindidi zemilinganiselo.
30. Ngazo zonke iintsasa kwakufuneka beme babulele badumise uNdikhoyo; nasemalanga ke kwakufuneka benze kwaloo nto.
31. Ukanti nanini na kusenzelwa uNdikhoyo amadini atshiswayo *ngeMihla yokuPhumla nangemibhiyozo yokuthwasa kwenyanga, nangawo onke amatheko amisiweyo. Kwakufuneka bahlale belungiselela uNdikhoyo ngamathuba amisiweyo, naloo nto ke beyenza ngendlela emisiweyo.