1 Yeziganeko 19:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko wafa ukumkani uNahashe wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula unyana wakhe.

2. Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanun, unyana kaNahashe, kuba uyise wandenzela ububele.” Wathumela izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanun ngenxa kayise.Athe ke loo madoda akufika kuHanun kwelama-Amon, eze kumkhuza,

3. zasuka izikhulu zama-Amon zathi kuHanun: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; eze kuhlola eli lizwe ukuze akwazi ukulibhukuqa.”

4. UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.

5. Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo kula madoda, wathumela izigidimi, zawahlangabeza, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”

6. Ke kaloku aqonda ama-Amon ukuba azigqwalisile kuDavide, waza ke uHanun enama-Amon ephela bathumela amashumi amathathu anane amawaka eekhilogram zesiliva, ukuze kuqeshwe iingqwelo namajoni eAram-narayim, eAram-maka, naseZobha.

1 Yeziganeko 19