1. Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya wawoyisa, wayihlutha iGati namaphandle ayingqongileyo, ayabi sabakho phantsi kwamaFilistiya.
2. Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi, aza aba phantsi kwakhe, amnika imirhumo.
3. Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere, wamoyisa, wamsukelisa, waya kumfaka eHamati, xa kanye wayezama ukumilisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.
4. UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.
5. Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo.