1 Yeziganeko 14:4-17 Ibhayibhile (XHO96)

4. Nanga amagama abantwana bakhe abazelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon,

5. uIbhare, uElishuwa, uElipelete,

6. uNoga, uNifege, uYafiya,

7. uElishama, uBheliyada, noElifelete.

8. Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wasuka waya kuwahlangabeza.

9. Afika ke amaFilistiya ayihlasela intili yamaRafa,

10. waza uDavide wabuzisa kuThixo wathi: “Kufuneka ndiwahlasele na amaFilistiya? Ngaba uza kuwanikela esandleni sam na?”UNdikhoyo wathi kuye: “Ewe, wahlasele; ndowanikela esandleni sakho amaFilistiya.”

11. Waphuma nomkhosi wakhe ke uDavide, waya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uThixo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngesandla sam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim.

12. Ke kaloku amaFilistiya abashiya apho *oothixo bawo, waza uDavide wayalela ukuba batshiswe.

13. Aphinda ke amaFilistiya ayihlasela loo ntili,

14. waza uDavide wabuzisa kuThixo kwakhona, ke yena uThixo wathi kuye: “Sukuya ngqo kuwo, koko warhawule, uze uwahlasele phaya ngakwimithi yebhalsam.

15. Uze uthi nje ukuba uve isingqisho phaya kwiincopho zemithi yebhalsam, uphume ungene kuwo, kuba lowo yoba ngumqondiso wokuba uThixo uhamba phambi kwakho, uza kuwuqwakanisa umkhosi wamaFilistiya.”

16. UDavide ke wenza ngokomyalelo kaThixo, baza ke bawuvuthulula umkhosi wamaFilistiya, ukusuka eGibhiyon kuye kutsho eGezere.

17. Udumo lukaDavide ke lwanabela kuzo zonke izizwe, uNdikhoyo wazitsho zamhlonela.

1 Yeziganeko 14