Waphuma nomkhosi wakhe ke uDavide, waya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uThixo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngesandla sam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim.