1 Yeziganeko 11:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku onke amaSirayeli ahlanganiselana kuDavide eHebron, athi: “Mhlekazi, siyazalana; sikwaligazi lakho.

2. Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo uThixo wakho wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”

3. Aya kufika ke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani uDavide eHebron, waza wanqophisana nawo phaya eHebron phambi koNdikhoyo, aza ke amthambisa waba ngukumkani wamaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo esivakaliswe nguSamweli.

4. UDavide namaSirayeli ephela baphuma baya eJerusalem – yiJebhusi ke leyo. Abemi bakhona, amaJebhusi,

5. athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena!” Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.

6. UDavide ke wayethe: “Nabani na othe wakhokela xa kuhlaselwa amaJebhusi uya kuba yinjengele.” Ke uJowabhi, unyana kaZeruya, yaba nguye ophumayo, waza ke wenziwa injengele yomkhosi.

7. Waya kuhlala apho kuloo nqaba uDavide, yaza yabizwa ngokuba sisixeko sikaDavide.

8. Wakha isixeko sayijikeleza, esusela kungqameko, waya kuthi ngqu ngodonga olujikelezileyo. Ke yena uJowabhi wasizinzisa isixeko ngokubanzi.

9. UDavide ke waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo onamandla onke wayenaye.

10. Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo.

11. Ewe, nalu uludwe lwamagorha kaDavide:UJashobham umHakimoni wayeyintloko yamagorha angamashumi amathathu. Walwa namakhulu amathathu amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.

12. Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu.

1 Yeziganeko 11