15. Ngaphezu koko ke nathi ngaba singamangqina amxokayo uThixo, kuba sathi umvusile uKrestu, nangona angamvusanga, ukuba kambe ngaba kuyinene ukuba abafileyo abavuki.
16. Kuba, ukuba ngaba abafileyo abavuki, noKrestu ke akazange avuke ekufeni.
17. Ukuba ke uKrestu akavuswanga ekufeni, ukholo lwenu ke luyalambatha – nisahleli ezonweni zenu.
18. Loo nto ingathetha ukuthi loo makholwa afa emanyene neNkosi, akukho nto yawo, atshabalele.
19. Ukuba ithemba lethu kuKrestu liphelela kobu bomi qha, singabona bantu balusizi kulo lonke ihlabathi.
20. Kambe ke nantsi eyona nyaniso: evukile nje uKrestu ekufeni, ubahlahlele indlela abafileyo.
21. Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu.
22. Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke.
23. Kodwa ke elowo nalowo kolwakhe uluhlu: uKrestu yena ngowokuqala kubo bonke; emva koko ke abakhe baya kuvuka ngethuba lokubuya kwakhe.
24. Kwandule ke kufike isiphelo, apho uKrestu aya kunikezela lonke ulawulo kuThixo uYise, akuba ezibhangisile zonke iindidi zezithunywa zezulu: iziphathamandla, oomagunya, kwanamandla.
25. UKrestu kaloku umelwe kukulawula lo gama uThixo amoyisela zonke iintshaba.
26. Olokugqibela ke utshaba oluya kubhangiswa kukufa,
27. kuba, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “UThixo umoyisele zonke iintshaba.” Kucacile ke ukuba uThixo yena akabalwa xa kusithiwa “umoyisele zonke,” inguye nje kaloku omoyisele zonke iintshaba uKrestu.
28. Xa ke zonke izinto sezilawulwa nguKrestu, uya kwandula ke yena uNyana ukungena ekulawulweni ngulowo umoyisela zonke izinto; yena ke uThixo abe ngolawula konke.