1 Kasamweli 9:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. Uphendule ngelithi uSamweli: “Ndim loo mboni. Hambani apha phambi kwam, siye phaya kulaa ndawo kunqulelwa kuyo, nidle kunye nam namhlanje. Loo nto nize ngayo ndoyichaza ngomso, ndinikhulule ke, nihambe.

20. Musani kuba sazikhathaza ngeedonki eziyâ bezilahlekile izolo elinye; sezifunyenwe. Ngubani na oza kuzuza elona wonga kwaSirayeli? Asinguwe na nomzi kayihlo uphela?”

21. USawule uthe ukuphendula: “Mna ndingowakwaBhenjamin, esona sizwe sincinane kwaSirayeli, yaye nabesiduko sakowethu ngowona mzi uphantsi kweso sizwe. Kungani na ukuba uthethe nam ngolu hlobo?”

22. USamweli wabangenisa ooSawule nesicaka sakhe egumbini elikhulu, wabahlalisa ezihlalweni zabona bahloniphekileyo phambi kwezinye iindwendwe ezimenyiweyo ezazimalunga namashumi amathathu.

23. Wabhekisa kumpheki uSamweli, wathi: “Yiza nalaa nyama bendikunike yona ndathi yibeke bucala.”

24. Waza ke umpheki weza nomlenze nokuhamba nawo, wawubeka phambi koSawule. Uthe ke uSamweli: “Nantso ke inyama obuyibekelwe. Yitye. Bendiyigcinele wena, ukuze uyitye kwesi sidlo kunye nabo bamenyiweyo.”USawule ke waba lundwendwe lukaSamweli ngaloo mini.

25. Bathe ukubuya kulaa ndawo yokunqula, uSamweli wancokola noSawule endaweni eyakhiweyo phezu kwendlu. Walala apho ngobo busuku.

26. Kuthe ekuseni uSamweli waya kuvusa uSawule kulaa ndawo wayelele kuyo, wathi: “Vuka ngoku, ndikukhulule uhambe.” Wavuka uSawule. Baphuma kunye noSamweli.

27. Bathe xa bengasekuphumeni kwedolophu, wathi uSamweli kuSawule: “Yithi kwesi sicaka sakho masikhe sibe sihamba phambili.” Sahamba ke isicaka, waza ke uSamweli waqhuba wathi: “Khawuthi xha nje kancinci khe ndikuxelele udaba oluvela kuThixo.”

1 Kasamweli 9