13. Phofu ke sendimxelele ukuba umzi wakowabo ndiza kuwohlwaya ngokupheleleyo ngenxa yesono asaziyo soonyana bakhe. Kaloku oonyana bakhe balinyelisa igama lam, waza yena akabakhalimela.
14. Ke ngoko ndifunge ndathi kumzi kaEli: ‘Akukho dini namnikelo uya kuze ube nako ukulicamagushela ityala lakho.’ ”
15. USamweli wangqengqa kwada kwasa. Uthe akuvuka, wavula iingcango zendlu yakwaNdikhoyo. Woyika ukubalisela uEli ngombono wakhe.
16. Ke kaloku uEli wambiza uSamweli, wathi: “Samweli, mfo wam!”Waphendula uSamweli wathi: “Ndim lo!”
17. Wambuza esithi: “Lizwi lini na eli uNdikhoyo alithethe kuwe? Musa ukundifihlela; ndixelele. UThixo uya kuba nento yokwenza nawe ukuba akundixeleli into yonke ayithethileyo.”
18. Wachaza konke ke uSamweli, akafihla nto. Watsho wathi uEli: “Nguye uNdikhoyo; makenze loo nto abona ukuba ifanele ukwenziwa.”
19. Waya ekhula uSamweli, uNdikhoyo enaye, zaza nezinto ezathethwa nguSamweli zazalisekiswa.
20. AmaSirayeli, ukususela eDan kuye eBheshebha, aqonda ukuba uSamweli *wayengumshumayeli onyanisekileyo kaNdikhoyo.
21. UNdikhoyo ke wathi rhoqo ukuvela eShilo, apho wazityhila khona ngezwi lakhe kuSamweli.