15. Kwathi uDavide eseHoreshe kuloo ntlango iyiZifi weva ukuba uSawule uphumele ukumbulala.
16. Kwafika uJonatan apho, eze kumkhuthaza ngaye uThixo.
17. Wathi kuDavide uJonatan: “Musa ukoyika, Davide; ubawo uSawule akasoze abe nako ukusa isandla kuwe. Nguwe oza kuba ngukumkani kwaSirayeli; mna ndiza kuba sisandla sakho. Úyayazi naye loo nto ubawo uSawule.”
18. Baphinda banqophisana phambi koNdikhoyo. Emva koko wagoduka uJonatan, uDavide yena wasala apho eHoreshe.
19. Kwesuka amaZifi, aya eGibheya, eye kuxelela uSawule esithi: “Nanko uDavide ezímele kwelakowethu kwinduli iHakila eyenye yeendawo ezinqabileyo ezikummandla waseHoreshe ezantsi kweYeshimoni.
20. Ke ngoko, mhlekazi, nanini wakuthanda, yiza – siya kumnikela ezandleni zikakumkani.”
21. Wathi kuwo uSawule: “Nindincedile; ubenga uNdikhoyo anganithamsanqela ngenxa yokundikhathalela kwenu.
22. Godukani ke, niphinde nikhangelise kakuhle apho akhoyo, nimazi naloo mntu umbonileyo. Kuthiwa uDavide ulumkile.
23. Ziqapheleni kakuhle iindawo ahlala kuzo, nibuye nindazise ke. Emva koko ke ndiya kuhamba kunye nani. Ukuba uselapho ndiya kumkhangela kulo lonke, ndimfune ndide ndimfumane, nokuba kungade kufuneke ndityhutyha-tyhutyhe onke amawaka akwaJuda.”
24. Basuka ke abo bantu, bamandulela uSawule ukuya eZifi. Ngoku uDavide namadoda akhe babekwintili ekwintlango iMawoni, kumazantsi elakwaJuda, ezantsi kweYeshimoni.
25. USawule wanduluka ukuya kufuna uDavide. Kodwa yena uDavide wayixelelwa loo nto, wemka waya kuhlala kwingxondorha yenduli eyayikuloo ntlango iMawoni. Uthe akuyiva loo nto uSawule, waya kwintlango iMawoni, esekhondweni likaDavide.
26. USawule nomkhosi wakhe noDavide namadoda akhe bohlulwa yiloo nduli, omnye ekwelinye icala, omnye ekwelinye, ooDavide bezama ukubaleka umkhosi kaSawule owawuselubarhangqile ukubabamba.
27. Kanye ngelo thuba kwafika isigidimi kuSawule, size nodaba oluthi: “Khawuleza uze, kuba amaFilistiya ayaliphanga ilizwe lakowethu.”
28. Wajika kwangoko uSawule, waya kuqubisana namaFilistiya. Loo nduli yathiywa igama elithi yiSela-hamalekoti.
29. Wemka apho uDavide, waya ezindaweni ezinqabileyo zase-Engedi, wafika wazímela apho.