1 Kasamweli 23:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Zafika kuDavide iindaba ezithi: “AmaFilistiya ayihlasele idolophu iKehila; aphanga ingqolowa apho ibhulelwa khona.”

2. UDavide wabuza *kuNdikhoyo wathi: “Mandiwahlasele na amaFilistiya?”UNdikhoyo wathi: “Yiya kuwahlasela, ubahlangule abantu baseKehila.”

3. Amadoda kaDavide wona avakala esithi: “Singathi sihleli sisoyika kakade apha kwaJuda, sibuye siye kuhlasela umkhosi wamaFilistiya eKehila?”

4. Emva koko ke uDavide wabuza kuNdikhoyo kwakhona ukuba angaya kuwahlasela na amaFilistiya. Waphendula wathi uNdikhoyo: “Wahlasele amaFilistiya eKehila, kuba ndiza kuwanikela ezandleni zakho.”

5. UDavide wanduluka kunye namadoda akhe, baya kuwahlasela amaFilistiya. Babulala amaFilistiya amaninzi, bathimba nemihlambi yawo. Waba ke uyihlangule njalo loo dolophu uDavide.

6. Ekubalekeleni kwakhe kuDavide eKehila uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki wafika esiphethe *isidanga.

7. Zafika kuSawule iindaba zokuba uDavide waya eKehila. Wavakala esithi: “Unikelwe nguThixo kum uDavide lo. Uzikhonkxile ngokwakhe ngokuya kungena kwidolophu enamasango atshixwayo.”

1 Kasamweli 23