5. Nangamhla wabulala uGoliyati obakhe ubomi wabubeka esichengeni, waza *uNdikhoyo wawanika uloyiso olukhulu amaSirayeli. Yaye nawe wavuya kakhulu ukuyibona le nto. Yini na ukuba wone umntu ongenatyala, umbulale uDavide kungekho sizathu?”
6. Yavakala le ntetho kaJonatan kuSawule, watsho wafunga wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, akayi kubulawa uDavide.”
7. Emva koko ke uJonatan wambiza uDavide, wamchazela ngengxoxo yakhe noyise. Ukusuka apho waya naye kuSawule, waza ke uDavide wabuyiselwa kwasesikhundleni sakhe komkhulu.
8. Kwabuya kwavuka imfazwe kwakhona phakathi kwamaSirayeli namaFilistiya. Wabuya wawahlasela uDavide, wawabetha ee qhu saa.
9. USawule wafikelwa ngumoya ombi ovunyelwe nguNdikhoyo. Ngaloo mini wayehleli engqendevile ebhotwe, ephethe umkhonto, edlalelwa ihapu nguDavide.
10. Wawujula umkhonto uSawule, efuna ukubethelela ngawo uDavide eludongeni. Suka waphepha yena uDavide, umkhonto wona watshona lé eludongeni apho.
11. Ngobo busuku waphuncuka wabaleka uDavide. USawule wathumela amadoda ukuba aye kungqinga indlu kaDavide, ukuze ambulale kwakusa. UMikali walumkisa umyeni wakhe uDavide, wathi: “Ukuba akubaleki umke apha ngobu busuku, ngomso woba ngofileyo!”
12. Watsho wamkhupha ngefestile, wabaleka wasaba uDavide.
13. UMikali uthathe *umlonde-khaya, wawubeka emandlalweni, wawuqamelisa ngomqamelo woboya bebhokhwe, waza wawambathisa.
14. USawule uthume amadoda ukuba ambambe uDavide, uMikali wathi kuwo: “Akaphilanga.”
15. USawule wathi makaye azibonele ngokwawo uDavide. Watsho esithi: “Ze nimthwale ngaloo mandlalo wakhe, nize naye apha, ndimbulale.”
16. Bafika bangena endlwini abo bafo, bafika kukho umlonde-khaya kuloo mandlalo, uqamele ngomqamelo woboya bebhokhwe.
17. Wabuza intombi yakhe uMikali uSawule esithi: “Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa? Uyabona, ulubalekisile utshaba lwam lwasinda!”UMikali uphendule wathi: “Úthe kum: ‘Ndiyeke ndimke! Yini na ukuba ndikubulale?’ ”