1 Kasamweli 18:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bayigqiba incoko yabo ooSawule noDavide. Intliziyo yonyana kaSawule, uJonatan, yaphakelana kanobom nekaDavide, wamthanda ngale ndlela azithanda ngayo yena.

2. Kususela loo mini uSawule akazange amvumele agoduke uDavide.

3. UJonatan wanqophisana noDavide, kuba wayemthanda ngale ndlela awazithanda ngayo yena.

4. Wakhulula umnweba awayewambethe uJonatan, wawunika uDavide, kunye nesinxibo sakhe sobujoni, nekrele lakhe, nesaphetha, nebhanti yakhe.

5. UDavide wayephumelela kuyo yonke imicimbi athunywa yona nguSawule, waza ke uSawule wamnyusela wamenza umphathi emkhosini wakhe. Eso senzo sabakholisa bonke abantu kunye namagosa omkhosi kaSawule.

1 Kasamweli 18