13. Wathatha elo qhaga lamafutha omnquma wayeliphethe uSamweli, wathambisa ngawo uDavide, abakhuluwa bakhe bejongile. Ukusukela ngaloo mini uDavide wangenwa ngamandla nguMoya kaNdikhoyo. Emva koko ke uSamweli yena wabuyela eRama.
14. Ke kaloku uSawule washiywa nguMoya *kaNdikhoyo, waza waphathwa ngumoya okhohlakeleyo, uvunyelwe nguNdikhoyo.
15. Izicaka zakhe zathi kuye: “Uyabona, umoya ongalunganga ovunyelwe nguThixo uyakuthuthumbisa.
16. Ke, mhlekazi, yithi masikufunele umntu okwaziyo ukubetha uhadi; kuze kuthi xa ufikelwa ngulo moya mbi akudlalele uhadi, ubuye udlamke.”
17. Wathi uSawule: “Mfuneni loo mntu udlala kakuhle, nize naye kum.”
18. Sathi esinye isicaka: “UJese waseBhetelehem unonyana oyincutshe yengoma. Kanti ukwaligorha lomfana oziqhelileyo iimfazwe. Uliciko lokuthetha, ekwayinzwana, kwaye uNdikhoyo unaye.”
19. USawule wathumela izigidimi eBhetelehem kuJese, wathi: “Ndithumele unyana wakho uDavide owalusa iigusha.”
20. UJese ke wamthumela uDavide kwaSawule, eqhuba itakane lebhokhwe, kunye nedonki ekulayishwe kuyo izonka nemvaba yewayini.
21. Waya kufika kwaSawule uDavide, waba sisicaka apho. Wathandwa kakhulu nguSawule uDavide, wada wenziwa umfana wokuphatha izikrweqe zikakumkani.
22. Ke kaloku uSawule wathumela umyalezo kuJese othi: “Ndiyakholwa nguDavide. Selumyeka asebenze apha komkhulu.”
23. Ke uDavide waba soloko ethatha uhadi adlalele uSawule ingoma ngalo lonke ixesha afikelwa nguloo moya mbi uvunyelwe nguThixo, afumane isiqabu, adlamke uSawule, angabi sakhathazwa nguloo moya.