14. “Xa kunjalo, kokwantoni oku kukhala kweegusha ndikuvayo kunye nokunxakama kweenkomo?” ubuzile uSamweli.
15. Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”
16. “Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”“Ndixelele,” watsho uSawule.
17. USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,
18. waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu.
19. Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”
20. “UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki.
21. Ke amajoni akazibulalanga ezona zintle iigusha neenkomo; eze nazo apha eGiligali, ukuza kwenzela uNdikhoyo uThixo wakho amadini.”
22. Uqhube wenjenje uSamweli: “Ngaba yintoni emkholisayo uNdikhoyo: kukumthobela, okanye kukumenzela iminikelo namadini? Ukuthobela uNdikhoyo kubhetele kunokumenzela idini, nokuphulaphula kungcono kunamanqatha enkunzi!
23. Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwirha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi. Ngenxa yokuba wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo uyakukhiqa ekulawuleni.”
24. Uvakele selesithi uSawule kuSamweli: “Ndonile ngenene, kuba ndiphambukile kwilizwi likaNdikhoyo, ndayidela nemiyalelo yakho. Ndoyike umkhosi wam, ndenza ukuthanda kwawo.
25. Ndincede undixolele isono sam, undikhaphe, ndiye kuqubuda kuNdikhoyo.”
26. “Hayi, andizi kuhamba nawe. Kaloku wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo ukukhiqile ekulawuleni,” utshilo uSamweli.
27. Uthe gwiqi uSamweli, eza kumshiya apho. USawule yena wamthi hlasi ngesondo lengubo, yakrazuka.
28. Uthe ke uSamweli: “Namhlanje uNdikhoyo ulukrazule kuwe ulawulo lwamaSirayeli, walunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
29. USimakade uThixo kaSirayeli akaxoki yena, yaye akaguquguquki. Kaloku akangomntu ulala neli avuke neli.”