1 Kasamweli 12:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.

8. “Kwathi akuba seJiputa uYakobi nomzi wakhe, bazibika kuNdikhoyo, yena wathumela uMosis noAron ababakhuphayo eJiputa, beza kuma kulo mhlaba.

9. Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo.

10. Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’

11. UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo.

12. Kodwa nithe nakuqonda ukuba ukumkani uNahashe wama-Amon ufuna ukunihlasela, neza kum, nathi: ‘Sifuna ukumkani wethu,’ naxa uNdikhoyo uThixo wenu engukumkani wenu.”

13. Utyatyadule wathi uSamweli: “Nanku ke ukumkani enimkhethileyo. Ufunwe nini ke; uNdikhoyo uyanikhululela ke ngoku.

14. Kuya kuba hele, kube chosi, ukuba nje uNdikhoyo uThixo wenu niyamhlonela, nimkhonze, nimphulaphule, ningaphikisani nomyalelo wakhe, koko nimlandele nikunye nokumkani wenu onilawulayo.

15. Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

16. “Ngoku ke, yimani ngxishi, khon' ukuze nikubone oko kukhulu aza kukwenza uNdikhoyo.

17. Naxa ilixesha lokuvuna ingqolowa eli, ndiza kutsho kuNdikhoyo ahlise imvula neendudumo. Niya kuqonda ke ukuba imbi kuNdikhoyo le nto yokufuna kwenu ukumkani.”

18. Wathandaza wabhekisa kuNdikhoyo ke uSamweli, kwaza kwangaloo mini kwafika iindudumo kunye nemvula, zithunyelwe nguNdikhoyo. Abantu ke ngoko bamoyika uNdikhoyo ngokunjalo noSamweli.

1 Kasamweli 12