1 Kasamweli 1:12-25 Ibhayibhile (XHO96)

12. UHana wathandaza ithuba elide, uEli emjongile, ethe ntsho kuloo milebe.

13. Wayengavakalisi kuthetha uHana, kodwa yayibebezela yona imilebe. UEli wacinga ukuba uHana uyanxila,

14. wathi kuye: “Koda kube nini na unxila? Yahlukana notywala!”

15. “Hayi, mhlekazi, andinxilanga,” waphendula watsho uHana. “Andikhange ndisele iwayini okanye utywala, nto nje ndibuhlungu kakhulu. Wena undibona ndibika intlungu yam kuNdikhoyo.

16. Uze ungathi ndilitshijolo lomfazi. Ndithandaza ndingayeki nje, kungenxa yokuba ndibindekile ndihluphekile.”

17. “Hayi ke, hamba ngoxolo; uThixo kaSirayeli uya kukwenzela ngokwesicelo sakho, ntombi yam,” watsho uEli.

18. UHana yena wathi: “Akwaba isicakazana sakho singababalwa njalo.” Watsho ehamba, waya kutya, waxola.

19. Usapho lukaElikana lwavuka kwangentseni. Baya kunqula *uNdikhoyo, emva koko banduluka ukubuyela kokwabo eRama. Ke uElikana wahlangana noHana umkakhe. Weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.

20. Wakhawula, wazala inkwenkwe unyaka ungekapheli. Wathi: “Igama layo nguSamweli; kaloku ndayicela kuNdikhoyo.”

21. UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso.

22. UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”

23. Indoda yakhe uElikana yathi: “Kulungile, ungasala. Yenza loo nto uyibona ilungile. Ungalinda ude umlumle umntwana. Ubenga uNdikhoyo angasifezekisa isithembiso sakhe.”Wasala ke uHana, eluncancisa usana lwakhe, lwada lwalunyulwa.

24. Wathi akululumla usana lwakhe uHana, waya nalo eShilo, eqhuba inkunzi yenkomo eminyaka mithathu, ephethe neshumi leekhilogram zomgubo wengqolowa, nemvaba ezele yiwayini. Wahamba noSamweli, emsa endlwini *kaNdikhoyo eShilo, eselula njalo.

25. Yakuba iwile inkunzi yenkomo, usana lwasiwa kuEli.

1 Kasamweli 1