Uzefaniya 3:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Ngoko ke lindelani kum,”utsho uNdikhoyo,“nijonge usuku endothimba ngalo.Ndosuka ndiziqokelele izizwe,ndizihlanganisele ndawonye izikumkani,ndizigalele ngomsindo wam,ndiyibhokoxele kuzo ingqumbo yam eshushu,ihlabathi liphela litshabalale,ndililenye ngomlilo womsindo wekhwele lam.

9. “Nezizwe ke ndosuka ndiziguquleukuze zonke zimnqule uNdikhoyo;ewe, zimbuse ngamxhelo mnye.

10. “Abakhonzi bam, abantu bam abasarhazekileyo,bophuma phesheya komlambo waseKushe,bandizisele iminikelo.

11. “Ngaloo mini aniyi kudana ngobugwenxa enibenze kum,kuba ndobasusa kwesi sixeko abo baziqhayisa ngekratshi.Soze niphinde nidelele kuloo ntaba yam ingcwele.

12. Ke kaloku ndonishiyela abantu abanobulali nabathobekileyo,abantu abakholosa ngegama likaNdikhoyo.

13. “Amasalela kaSirayeli soze anxaxhe.Akasayi kuthetha buxoki,kungàfunyanwa nankohliso emilonyeni yabo.Aya kutya angqengqe,kungabikho bani unokuwoyikisa.”

14. Khawuhlabel' ingoma, ntombi inguZiyon;uyiyizele, wena Sirayeli!Vuya uchwayite ngentliziyo yakho yonke –ndixela wena, ntombi inguJerusalem!

15. *UNdikhoyo usirhoxisile isigwebo sakho,neentshaba zakho uzijikile.Ke yena uNdikhoyo, uKumkani kaSirayeli, ungakuwe;soz' uphinde uboyike ububi.

16. Ngaloo mini kothiwa kwiJerusalem:“Musa ukoyika, Ziyon!Mazingabi namkhinkqi izandla zakho.

17. UNdikhoyo uThixo wakho unawe;uligorha elisindisayo.Yena unemihlali ngawe, enovuyo;uya kukuthulisa ngothando lwakhe;ugcoba ngawe eyiyizela,

18. ngathi ngabantu ngomhla wetheko.”Kaloku uNdikhoyo uthi:“Ndonikhusela kuyo intlekele,ningabi saba sisingcikivo.

19. Uyabona, ngelo xesha ndiya kuphathana nabo abo bakucinezeleyo.Ndiya kusihlangula isiqhwala,ndibaqokelele abo basarhazekileyo.Ndiya kubanika udumo nokuhlonelwakuloo mazwe onke ababehlaziswa kuwo.

20. Ngelo xesha ndoniqokelela;ewe, ndinibuyisele ekhaya,ndinithi jize ngesidima nendumisokuzo zonke izizwe zehlabathi,xa ndinibuyisela kundalashe.Nani ke noyibona loo nto ngala wenu amehlo!”Utsho uNdikhoyo.

Uzefaniya 3