6. “Hoyinaa! Sabani ezweni langasentla,” utsho uNdikhoyo. “Kaloku ndinichitha-chithele kumacala omane ehlabathi,” utsho uNdikhoyo.
7. “Ewe, yiza, Ziyon! Balekani, nina enihlala eBhabheli.”
8. Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam.
9. Ndosuka ndiziheshe ezo zizwe ngesandla sam, ibe zizo ezixhatshazwa ngamakhoboka azo. Ke kaloku notsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.”
10. “Memeza ugcobe, ntombi eyiZiyon, kuba ndiyeza, ndaye ndiza kuhlala apho kuwe,” utsho uNdikhoyo.
11. “Ngaloo mini izizwe ezininzi ziya kubandakanywa noNdikhoyo, zibe ngabantu bam. Ndiya kuhlala phakathi kwenu, nani nitsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.
12. UJuda uya kuba lilifa nesabelo sikaNdikhoyo apha kulo mhlaba ungcwele, aze abuye ayichonge iJerusalem.
13. Yithini cwaka phambi koNdikhoyo, nonke bantu behlabathi; kaloku yena ngoku uvukile ekhayeni lakhe elingcwele.”