Uzakariya 1:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeshumi elinanye, nyanga leyo ekuthiwa nguShebhati, kwakuloo nyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lamfikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.

8. Ndasuka ndaba nombono ebusuku: Phambi kwam ndabona umfo ekhwele ihashe elibomvu. Wayemi engxingweni phakathi kwemithi yemetile. Emva kwakhe kwakukho amanye amahashe, abomvu, amfusa, namhlophe.

9. Ndaza ke ndathi: “Ithetha ntoni le nto, nkosi yam?”Isithunywa eso ebesithetha nam sathi: “Ndiza kukubonisa intsingiselo yezi zinto.”

10. Ke loo mfo umi phakathi kwemithi yemetile waphendula wathi: “Aba ngabathunywe nguNdikhoyo ukulityhutyha ihlabathi liphela.”

11. Banika ingxelo kweso sithunywa sikaNdikhoyo siphakathi kwemithi yemetile, bathi: “Silityhutyhile ihlabathi lonke, saza salifumana lizole nzwanga.”

12. Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Ndikhoyo onamandla onke, koda kube nini ungenaluvelwano neJerusalem needolophu zakwaJuda owaziqumbelayo le minyaka ingamashumi asixhenxe?”

13. UNdikhoyo ke wasiphendula ngamazwi obulali nentuthuzelo eso sithunywa sasithetha nam.

Uzakariya 1