Uyoshuwa 9:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. zaza iinkokheli zathi: “Kaloku safunga ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwaba bantu. Ke ngoko asinakubenza nto konke.

20. Naku emasikwenze: masingabachukumisi, hleze sihlelwe yingqumbo ngokutyeshela isifungo.

21. Masibayeke baphile ngokwesifungo sethu, kodwa ngabo abaza kusikhelela amanzi, basicandele iinkuni.”

22. UYoshuwa wathi mabeziswe kuye abantu baseGibheyon, wabhekisa kubo wathi: “Nisikhohlisele ntoni nisithi nivela kude nje, kanti nihlala kufuphi?

23. Niqalekisiwe ngenxa yento eniyenzileyo. Niya kuhlala ningamakhoboka, nithuthe amanzi, nicande neenkuni zomzi woThixo wam.”

24. Bathi ukuphendula bona: “Mhlekazi, sibangwe kukuva ukuba kuyinyani ukuba uNdikhoyo uThixo wenu wayalela uMosis ukuba wonke lo mhlaba makawunike nina, batshabalalise bonke abemi bawo, ke ngoko sasoyikela nobomi bethu.

Uyoshuwa 9