Uyoshuwa 5:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngelo xesha *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Sebenzisa iintshengeca zelitye lenyengane, uwaluse amaSirayeli angolukanga.”

3. Wenjenjalo ke uYoshuwa, wawalusela endaweni ekuthiwa yiNduli yeNyama yoKwaluswa.

7. Oonyana uNdikhoyo awabakhulisa endaweni yooyise ngabo aba awabalusayo ngoku uYoshuwa, kuba kaloku babengazange boluka.

8. Akuba alusiwe ke onke, ahlala esikhululweni ada aphila loo madoda.

9. UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndilisusile kuni ihlazo lokuba ngamakhoboka aseJiputa.” Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa ukubizwa kwayo yiGiligali, igama esabizwa ngalo.

10. Ngexesha amaSirayeli ayeseseGiligali entilini yaseJeriko, enza umsitho *wePasika ngokuhlwa komhla weshumi elinesine waloo nyanga.

Uyoshuwa 5