8. Ndaza mna ndanizisa kumhlaba wama-Amori awayemi ngasempumalanga yeJordan. Alwa nani, kodwa mna ndawanikela ezandleni zenu. Nawuthatha umhlaba wawo, ndakuba mna ndiwatshabalalisile.
9. Ukumkani uBhalaki wakwaMowabhi, unyana kaZipore, waqubisana namaSirayeli edabini. Wathumelela uBhalam, unyana kaBhehore, ukuba abizwe eze anishwabulele,
10. kodwa andizange ndivume ukumphulaphula uBhalam. Ndaweni yaloo nto wamana ukunithamsanqelisa, ndaba ke ndinihlangule kuBhalaki.
11. Nawela iJordan, naya eJeriko. Abemi balapho balwa nani, njengoko enjenjalo ama-Amori, namaPerezi, namaKanana, amaHiti, amaGirgashi, amaHivi, namaJebhusi, kodwa ndabanikela ezandleni zenu.
12. Ndabathumela ngoonomeva abo balwa nani. Yiyo loo nto eyachitha iikumkani zama-Amori zombini – asilokrele nalutolo lwenu.
13. Ndaninika umhlaba eningazanga nawusebenza nezixeko eningazanga nazakha. Ngoku nihlala apho nitye isivuno semidiliya eningayilimanga, neminquma eningazanga nabulaleka yiyo.’
14. “UNdikhoyo mhloneleni, nimnqule ngentembeko ninyanisekile. Yahlukanani *nezithixo zookhokho benu ngexesha bengaphesheya kwe-Efrati naseJiputa, nikhonze uNdikhoyo yedwa.
15. Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”
16. Aphendula amaSirayeli athi: “Thina asisoze sahlukane noNdikhoyo sikhonze thixo bambi.
17. NguNdikhoyo uThixo wethu owasikhulula thina nookhokho eJiputa ebukhobokeni. Siyayazi imiqondiso emikhulu awayenzayo. Wasilondoloza konke apho sihamba khona, wasikhusela xa besicanda phakathi kweentlanga.
18. UNdikhoyo wasigxothela zonke iintlanga, nditsho kunye nama-Amori awayemi apha. Ngoko ke nathi sokhonza uNdikhoyo; nguye uThixo wethu.”
19. UYoshuwa wathetha namaSirayeli wenjenje: “Aninako ukumkhonza uNdikhoyo. UNdikhoyo nguThixo owahlukileyo; unguThixo onekhwele. Akasayi kukuxolela ukumvukela kwenu nokumona kwenu,
20. yaye ukuba niyamfulathela nikhonze izithixo zasemzini, wonijikela anihlisele ububi. Wonitshabalalisa niphele, ngoku kanye ebekade eniphethe kakuhle.”
21. Abantu bathi kuYoshuwa: “Hayi bo! Thina siza kukhonza uNdikhoyo.”