7. Kwakukwakho neAyin, iRimon, iEtere, kunye neAshan; izixeko ezine kunye neelali ezizingqongileyo.
8. Zonke iilali ezazingqonge ezo zixeko zazikwalapho kude kuse eBhalati-bhere (ekuthiwa yiRama) kwintlango engasezantsi.Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaSimon, waba lilifa lazo.
9. Umhlaba wakwaJuda inxalenye yawo yabelwa isizwe sakwaSimon ukuba ibe lilifa laso, kuba wawumkhulu ngaphezu kokuba isizwe sakwaJuda sasiwudinga.
10. Ngesihlandlo sesithathu *iqashiso laphumela isizwe sakwaZebhulon ngokwezindlu zaso. Umda welifa lesi sizwe waya kuma ngeSaridi.
11. Ukusuka apho umda wacanda ngasentshona waya kutsho eMarala, wegqitha eDabhesheti nakwintlambo iYokeneham.
12. Kwicala elingaphaya kweSaridi wenjenjeya ukuya ngasempuma kumda weKiseloti-tabhore, wedlulela eDabherati ukusinga eYafiya.
13. Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.
14. Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli.
15. Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.
16. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.
17. Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso.
18. Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem,
19. iHafarayim, iShiyon, iAnarati,
20. iRabhiti, iKishiyon, iEbheze,
21. neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze.
22. Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo.
23. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaIsakare ukuze ube lilifa lazo.
24. Ngesihlandlo sesihlanu *iqashiso laphumela isizwe sakwa-Ashere ngokwezindlu zaso.
25. Ummandla wesi sizwe wawuquka izixeko iHelekati, iHali, iBheten, neAkeshafi,
26. kwakunye neAlam-meleki, iAmadi, kunye neMishali. Ngasentshonalanga wawudlula eKarmele naseShikore-libhenati.