19. iHafarayim, iShiyon, iAnarati,
20. iRabhiti, iKishiyon, iEbheze,
21. neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze.
22. Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo.
23. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaIsakare ukuze ube lilifa lazo.
24. Ngesihlandlo sesihlanu *iqashiso laphumela isizwe sakwa-Ashere ngokwezindlu zaso.
25. Ummandla wesi sizwe wawuquka izixeko iHelekati, iHali, iBheten, neAkeshafi,
26. kwakunye neAlam-meleki, iAmadi, kunye neMishali. Ngasentshonalanga wawudlula eKarmele naseShikore-libhenati.
27. Ukujika kwawo ngasempumalanga wawusinga ngaseBhete-dagoni, udlule kwaZebhulon nakwintili i-Ifeta-eli ukubheka ngasentla eBhete-emeki naseNeyeli. Wenjenjeya ukunyuka ucanda ngasekunene kweKabhuli,
28. ujonge e-Ebron, eRehobhi, eHamon, naseKana, ukuya kutsho kwiSidon enkulu.
29. Wawujika apho ujonge eRama, ude uye kutsho kwisixeko saseTire esinqatyisiweyo, ujike ujonge ngaseHosa, uye kuma ngolwandle. Wawuquka iMahalabhi, iAkezibhi,
30. iUma, iAfeki, kunye neRehobhi. Yayingamashumi mabini nambini ezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.
31. Zazikummandla welifa lesizwe sakwa-Ashere ezi zixeko kunye neelali ezizingqongileyo.
32. Ngesesithandathu isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaNafetali ngokwezindlu zaso.
33. Umda waso wawusuka eHelefe uye kutsho kum-oki oseZananim, udlulele eAdami-nekebhe naseYabheneli kude kuse eLekum, uye kuma ngeJordan.
34. Apho wawufika ujonge ngasentshonalanga uye eAzenoti-tabhore, usuke apho uye eHukoki, ubethe ngakuZebhulon emazantsi, udlule kwa-Ashere ngasentshonalanga, naseJordan kwicala langasempumalanga.
35. Izixeko ezazinqatyisiwe yayiyiZidim, iZera, iHamati, iRakati, iKinerete,
36. iAdama, iRama, iHazore,
37. iKedeshe, iEdreyi, kunye ne-En-hazore,