13. Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.
14. Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli.
15. Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.
16. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.
17. Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso.
18. Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem,
19. iHafarayim, iShiyon, iAnarati,
20. iRabhiti, iKishiyon, iEbheze,
21. neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze.
22. Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo.
23. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaIsakare ukuze ube lilifa lazo.
24. Ngesihlandlo sesihlanu *iqashiso laphumela isizwe sakwa-Ashere ngokwezindlu zaso.
25. Ummandla wesi sizwe wawuquka izixeko iHelekati, iHali, iBheten, neAkeshafi,
26. kwakunye neAlam-meleki, iAmadi, kunye neMishali. Ngasentshonalanga wawudlula eKarmele naseShikore-libhenati.
27. Ukujika kwawo ngasempumalanga wawusinga ngaseBhete-dagoni, udlule kwaZebhulon nakwintili i-Ifeta-eli ukubheka ngasentla eBhete-emeki naseNeyeli. Wenjenjeya ukunyuka ucanda ngasekunene kweKabhuli,
28. ujonge e-Ebron, eRehobhi, eHamon, naseKana, ukuya kutsho kwiSidon enkulu.
29. Wawujika apho ujonge eRama, ude uye kutsho kwisixeko saseTire esinqatyisiweyo, ujike ujonge ngaseHosa, uye kuma ngolwandle. Wawuquka iMahalabhi, iAkezibhi,
30. iUma, iAfeki, kunye neRehobhi. Yayingamashumi mabini nambini ezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.