1. *Iqashiso lesibini laphumela isizwe sakwaSimon ngokwezindlu zaso. Ilifa laso lalikummandla wakwaJuda.
2. Umhlaba wakwaSimon wawuquka iBheshebha, iShebha, iMolada,
3. iHazare-shuwali, iBhala, ne-Ezem,
4. iEltoladi, iBhetuli, iHoma,
5. iZikelagi, iBhete-markabhoti, iHazare-susa,
6. iBhete-lebhawoti, kunye neSharuhen. Yayizizixeko ezilishumi linantathu kunye neelali ezazizingqongile.
7. Kwakukwakho neAyin, iRimon, iEtere, kunye neAshan; izixeko ezine kunye neelali ezizingqongileyo.
8. Zonke iilali ezazingqonge ezo zixeko zazikwalapho kude kuse eBhalati-bhere (ekuthiwa yiRama) kwintlango engasezantsi.Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaSimon, waba lilifa lazo.
9. Umhlaba wakwaJuda inxalenye yawo yabelwa isizwe sakwaSimon ukuba ibe lilifa laso, kuba wawumkhulu ngaphezu kokuba isizwe sakwaJuda sasiwudinga.
10. Ngesihlandlo sesithathu *iqashiso laphumela isizwe sakwaZebhulon ngokwezindlu zaso. Umda welifa lesi sizwe waya kuma ngeSaridi.
11. Ukusuka apho umda wacanda ngasentshona waya kutsho eMarala, wegqitha eDabhesheti nakwintlambo iYokeneham.
12. Kwicala elingaphaya kweSaridi wenjenjeya ukuya ngasempuma kumda weKiseloti-tabhore, wedlulela eDabherati ukusinga eYafiya.
13. Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.
14. Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli.
15. Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.
16. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.
17. Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso.
18. Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem,
19. iHafarayim, iShiyon, iAnarati,