20. IJordan yona yayingumda wangasempumalanga. Yiyo ke leyo imida yomhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaBhenjamin, walilifa lazo.
21. Izixeko zezindlu zesizwe sakwaBhenjamin zizo ezi: iJeriko, iBhete-hogela, iEmeki-kezizi,
22. iBhete-arabha, iZemarayim, iBhetele,
23. iHavim, iPara, iOfra,
24. iKefar-amoni, iOfeni, kunye neGebha. Yayilishumi elinambini lezixeko ezingqongwe ziilali.
25. Kwakukho neGibheyon, iRama, iBheroti,
26. iMizpa, iKefira, iMoza,
27. iRekem, i-Irpeli, iTarala,
28. iZela, iHayelefe, nesixeko samaJebhusi (oko kukuthi iJerusalem), kwakunye neGibheya, neKiriyati-yarim. Yayilishumi elinesine lezo zixeko ezazingqongwe ziilali.Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaBhenjamin.