1. Ibandla lakwaSirayeli lahlangana eShilo, lamisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo apho. Naxa umhlaba wawuseluthinjiwe
2. kwakusekho izizwe zamaSirayeli ezisixhenxe ezazingekabelwa ilifa lazo.
3. Wabhekisa kumaSirayeli ke uYoshuwa wenjenje: “Niya kulibazisa kude kube nini ukuya kuthimba umhlaba enawunikwa nguNdikhoyo, uThixo wooyihlo-mkhulu?
4. Ndikhetheleni amadoda abe mathathu kwisizwe ngasinye, ndiwathume aye kulicanda ilizwe, abhale iinkcukacha zalo ngokwelifa lesizwe ngasinye. Kufuneka aphinde eze kum akugqiba.
5. Loo mhlaba ke uya kwabiwa wahlulwe ube ziziqwenga ezisixhenxe. UJuda wohlala ngezantsi kummandla wakhe, noJosefu wohlala kowakhe ummandla ngasentla.
6. Ze nizibhale iinkcukacha zezo ziphaluka zosixhenxe, nize nazo kum nakugqiba. Mna ke ndokwenza amaqashiso, ndiqonde umnqweno kaNdikhoyo uThixo wethu ngani.