1. Inxalenye yomhlaba ongasentshonalanga kweJordan wabelwa ezinye izindlu zezindlu eziyinzala yonyana omkhulu kaJosefu uManase *ngamaqashiso. UMakire, uyise kaGiliyadi, wayengunyana omkhulu kaManase, umfo oligorha emfazweni. Yiyo ke loo nto wabelwa iGiliyadi neBhashan, ezingasempumalanga kweJordan.
2. Umhlaba ongasentshonalanga kweJordan wona wabelwa inxalenye yezindlu zesizwe sakwaManase: ooAbhiyezere, Heleki, Aseriyeli, Shekem, Hefere, noShemida. Aba ngokwezindlu zabo yayingabazukulwana abangamadoda bakaManase unyana kaJosefu.
3. UZelofehadi unyana kaHefere, ozalwa nguGiliyadi unyana kaMakire ozalwa nguManase, yena akazanga azale madoda, yaba ziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, noNowa, uHogela, noMilika, kunye noTirza.
4. Zaya kuElazare umbingeleli, bekunye noYoshuwa unyana kaNune kwaneenkokheli, zafika zathi: “*UNdikhoyo uyalele uMosis ngelithi nathi aze asabele umhlaba kunye nezizalwana zethu ezingamadoda.” Ke ngoko zawunikwa umhlaba kwanjenge-zizalwana zabo ezingamadoda njengoko uNdikhoyo wayetshilo.
5. Isizwe sakwaManase saba nezabelo ezilishumi nje ukongezelela kwiGiliyadi neBhashan engasempumalanga kweJordan,
6. kungenxa yokuba abazukulwana bakaManase abaziintombi nabangamadoda babelwa umhlaba. Umhlaba waseGiliyadi wona wabelwa enye inxalenye yabazukulwana bakaManase.
7. Ummandla wesizwe sakwaManase wawusuka eAshere use eMikemetati ngasempumalanga yeShekem. Umda wawusihla uye ngasezantsi, uquke bonke abantu base-En-tapuwa.
8. Umhlaba owawungqinge iTapuwa wawungowakwaManase, kodwa sona isixeko saseTapuwa esisemdeni sasisesenzala kaEfrayim.
9. Wawusihla loo mda ubheke ezantsi ngakwintlambo iKana. Izixeko ezingezantsi kwaloo ntlambo yayizezakwaEfrayim, nakuba zazikummandla wakwaManase nje. Umda wakwaManase wawucanda ngakwicala elingasentla kwaloo ntlambo, uye kuma ngolwandle.