1. Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli.
2. Umhlaba olilifa lezizwe ezilithoba elinesiqingatha wasikwa ngokwenza *amaqashiso ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuMosis.
3-4. Umhlaba ongasempumalanga kweJordan uMosis wayeselewabele izizwe ezibini ezinesiqingatha. (Inzala kaJosefu yayizizizwe ezibini: esakwaManase nesakwaEfrayim.) Kambe ke abaLevi bona uMosis akazange ababele mhlaba. Ndaweni yaloo nto babelwa izixeko bahlala kuzo, kunye namadlelo empahla.
5. AmaSirayeli awaba loo mhlaba kanye ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
6. Abantu besizwe sakwaJuda bafika kuYoshuwa eGiligali, uKalebhi unyana kaJefune umKenezi wathi kuYoshuwa: “Uyayazi into eyathethwa kuMosis umfo wakwaThixo *nguNdikhoyo mayela nawe kunye nam eKadeshe-bhaneya.
7. Ndandimashumi mane ubudala ngamhla uMosis wandithumayo ndesuka eKadeshe-bhaneya ndaza kuhlola lo mhlaba. Ndamphathela ingxelo ngokungafihlisi,
8. kuba ndamthobela ngomxhelo wam wonke uNdikhoyo uThixo. Kambe ke amadoda awayekunye nam abatsho bankwantya abantu.