Uyohane 5:29-47 Ibhayibhile (XHO96)

29. baphume emangcwabeni, bathi abo benze ubulungisa bavukele ebomini, bathi abo benze inkohlakalo bavukele ekugwetyweni.”

30. “Mna ngokwam andinakwenza nto. Ndigweba njengoko ndiyalelweyo, kwaye ukugweba kwam kufanelekile, kuba andinanjongo yakwenza ntando yam, koko ndenza ukuthanda kwalowo undithumileyo.

31. “Ukuba bendizingqinela ngokwam, ubungqina bam ngebuthandabuzeka.

32. Kodwa ndinomnye ongqina ngam, kwaye ndiyazi ukuba ubungqina bakhe abuthandabuzeki.

33. Senathumela kuYohane; ninabo ke ubungqina bakhe mayela nenyaniso.

34. Anditsho kuba mna ndixhomekeke ekungqinelweni ngumntu, koko nditsho ukuze nina nisindiswe.

35. UYohane wayesisibane esikhanyisayo, naza nina navuyiswa okwethutyana kukukhanyiselwa nguye.

36. Kodwa ndinabo ubungqina obungaphezulu kobo bukaYohane, kuba imisebenzi andithumileyo uBawo ukuba ndiyifeze, ezi zinto kanye ndizenzayo, ziyandingqinela ukuba ndithunywe nguBawo.

37. NoBawo ngokwakhe, yena lowo undithumileyo, ungqinile ngam, nangona nina ningazange nilive ilizwi lakhe, ningazange nimbone nokumbona.

38. Ilizwi lakhe alibanga nandawo yakuhlala kuni, kuba anikholwa kulowo amthumileyo.

39. Niyaziphengulula *iziBhalo, nizicingela okokuba ninobomi obungonaphakade ngokuzifunda; kanti zona zingqina ngam,

40. kodwa nina anifuni ukuza kum ukuze nibe nabo obo bomi.

41. “Mna andinanze kunconywa ngabantu;

42. kodwa nina niyakufuna, kuba kaloku ukumthanda uThixo akukho kuni.

43. Mna ndize ndigunyaziswe nguBawo, kodwa nina anindamkelanga. Ukuba ubani uthe weza ngelilelakhe igunya niya kumamkela!

44. Beninokuthini kakade ukukholwa njengokuba nisemva kokuncomana nje, ningakukhathalelanga ukunconywa ngulowo unguThixo yedwa?

45. Kodwa ke ze ningabi niya kumangalelwa ndim kuBawo. Ummangaleli wenu nguMosis, lowo nithembele kuye.

46. Kaloku ukuba benikwamkela okubhalwe nguMosis, ngenindamkela nam, kuba uMosis wabhala ngam.

47. Ke ukuba anikwamkeli oko wakubhalayo uMosis, beningathini kakade ukuwamkela amazwi am?”

Uyohane 5