Uyohane 4:25-36 Ibhayibhile (XHO96)

25. Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.”

26. UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”

27. Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?”

28. Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini:

29. “Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?”

30. Baphuma ke edolophini, baya kuYesu.

31. Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!”

32. Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.”

33. Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?”

34. UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.

35. “Anitsho na ukuthi: ‘Kusele iinyanga ezine, kuvunwe’? Niyabona, ndithi kuni, inene, wakhangeleni kakuhle amasimi; nophawula ukuba akulungele ukuvunwa.

36. Umvuni seleza kwamkela umvuzo wakhe, evuna isivuno esingabantu abamkela ubomi obungonaphakade. Ngako oko ohlwayelayo uvuya kunye nalowo uvunayo.

Uyohane 4